Umphathiswa wemisebenzi yoluntu neziseko kuzwelonke uDean Macpherson, uthi kuzakwenziwa uphando olunzulu emva kokuba kudilike isakhiwo eOrmonde, eRhawutini izolo. Kubhubhe abantu abalithoba emva kokuba kudilike isakhiwo esinemigangatho emibini esingekagqitywa ukwakhiwa. Nangona kunjalo, isixeko saseRhawutini siqinisekisile ukuba bekungekho sicwangciso sivunyiweyo ukuba kwakhiwe kulandawo. Ukuzakuthi ga ngoku awukaziwa unobangela wokuwa kwesisakhiwo, uMacpherson esithi oku kuzakuvela emva kokuba kuqosheliswe uphando.