Abemi boMzantsi Afrika balinde ngomonde ukuva intetho yolwabiwo-mali lwesizwe, ezakwenziwa ngumphathiswa wesebe lezeMali u-Enoch Godongwana emva kwemini namhlanje. Onke amehlo ajonge kwinkangeleko yoqoqosho,, izinto eziphambili ngokwezemali, kunye nemilinganiselo urhulumente anokuza nayo ukulungelelanisa ukukhula kunye neemfuno ezingxamisekileyo zentlalo. Amanye amaqela aphikisayo epalamente, kwakunye nombutho ophambili wabasebenzi, iCOSATU, bafuna uGodongwana kwintetho yakhe agxile kwimingeni yentlalo noqoqosho ejongene nabemi boMzantsi Afrika.