Izakuba nguwafa wafa kumdlalo kumdlalo webhola ekhatywayo phakathi koMzantsi Afrika neqela le Rwanda. ABafana Bafana bamkela iRwanda kumdlalo wabo wokugqibela wokuzibekela indawo kwiNdebe yehlabathi yeFIFA ka-2026, eMbombela. Lo ngumdlalo ekufuneka iBafana Bafana iwuphumelele ukuba ifuna ukuzibekela indawo kwitumente yehlabathi ekunyaka ozayo. Lo mdlalo uzakuqala ngentsimbi yesithandathu ngorhatya lwanamhlanje.