Abathunywa abazimase inkomfa yeshumi elinesibini engogawulayo, beve ingxelo eyothusayo ethi ulutsha oluphakathi kweminyaka elishumi elinesihlanu namashumi amabini anesine ubudala, lubhalisa inani eliphezulu elitsha lolwasuleleko yilentsholongwane ngeveki. Le nkomfa ingena kusuku lwesithathu namhlanje, idibanisa iinkokeli, abaphandi kunye nezifundiswa kwilizwe liphela, nabasuka ngapha kwemida ukuze kuxoxwe banzi ngemiba emalunga nale ntsholongwane.