Iziko lezomthetho elijongene nomakulinganwe kwezemfundo iEqual Education Law Centre (EELC), lithi iyaxhalabisa into yezikolo zikarhulumente ezinyanzelisa kubazali babantwana imali yokukhawulelana nezidingo zesikolo. Abazali abangathathi ntweni kuvakala ukuba banyanzeliswa ukuba bakhuphe imali yethutyana engumnikelo (voluntary donations), nezakusetyenziselwa izidingo zezikolo ezinga bahlawulisiyo abafundi, ooNo fee schools ukutsho. Lemali kuvakala ukuba iqala kwimali elikhulu ukuya kumawaka amabini, kwaye kwezinye iindawo abafundi abangayikhuphanga abavunyelwa ukuba baqhube nezifundo zabo de kube kanti bayayikhupha, ngamanye amaxesha baye babanjelwe amaxwebhu engxelo yenkqubo yomfundi, iReports ukutsho. Ngenxa yoloyiko lokugxothwa kwabantwana babo, abazali abazimpula zikalujaca, bathi kunyanzeleka ukuba bayiboleke nakoomatshonisa lemali nanjengoko bengasebenzi. Kwezinye izinto lemali esetyenziselwa zona, kuquka ukuthengwa kwamaphepha okwenza iikopi esikolweni, iincwadi, ukubhatalwa kwabantu abagade isikolo, ukuthengwa kwezinto zokucoca kwakunye nokubhatalela ukuba yinxalenye yenkqubo yezifundo zasemva kwexesha, iExtra classes ukutsho. Ngamanye amaxesha lemali ifunwa kuba kuza kubhatalwa ootitshala abaqeshwe yibhodi ejongene nolawulo lwesikolo, iSGB teachers ngelasemzini. I-EELC ithi nangona oku kusenzeka kuzwelonke, iinkqubo ziyohluka ngokwamaphondo, kwaye awona maphondo ajongene nalengxaki kakhulu, aquka iMpuma Koloni, iNtshona Koloni kwakunye nelase Gauteng.