Umphathiswa wesebe lophuhliso loluntu eMpuma Koloni, uBukiwe Fanta, ugxeke umkhuba wokulahlwa kwabantwana kwaye baxhatshazwe ngesondo kweli phondo. Kwinyanga yoMnga ziziganeko ezintandathu ezithe zaxelwa kwelisebe. Umphathiswa uFanta uthi ukholelwa ukuba kufuneka kuthatyathwe amanyathelo ngakulomba, kwaye abenzi bobubi bajongane nengalo yomthetho.