Inkxalabo yokhuseleko evakaliswe ngumphandi wabucala uPaul O'Sullivan nosomashishini uBrown Mogotsi, ibangele ingxoxo-mpikiswano eshushu malunga nokunikezelwa kobungqina kusetyenziswa ubuxhakaxhaka bala maxesha, kwikomiti yethutyana yasePalamente eqwalasela umba oxhalabisayo wokhuseleko lwesizwe. Le komiti iphanda izityholo zolwaphulo mthetho kwinkonzo yesipolisa, urhwaphilizo nongenelelo lwepolitiki kwinkqubo yobulungisa yeli, ezenziwa ngumkomishianala wamapolisa wephondo iKwaZulu Natal uLt-General Nhlanha Mkhwanazi ngonyaka ophelileyo. La mangqina mabini acele ukunikezela ubungqina bawo ngobuxhakaxhaka bale mihla, kodwa sakhatywa eso sicelo yile komiti ngelithi ifuna bazekuthatha uxanduva ngqo phambi kwayo.