Bashiyeke bematshekile abahlali belali iNgxongweni eSajonisi eMpuma Koloni, emva kokuqhambuka kwenkitha yohlobo lwamasongololo amhlophe ephuma ehlathini, engena emizini. Lamawaka oluhlobo lamasongololo ebecukene emithini, emadongeni nakumaphahla ezindlu, enyanzela abahlali ukuba bashiye amakhaya abo okwethutyana ngenxa yomothuko. Ukusabela banzi kwisebe lezolimo, nokukhangela ukuba kubangelwa yintoni oku kwaye ingaba bukhona ubungozi kusini na, sihleli nengcali kwimiba yezendalo ophuma kwisebe, uGqirha Mfundo Maqubela...