Emva koRhulumente wentando yesininzi ngonyaka ka-1994, iliZwe loMzantsi Afrika liye lajongana nengxaki yokunqongophala kwamanzi kwiindawo ezliqela kweli lizwe, kwezinye iindawo kungekho manzi kwaphela ezimpompeni ingakumbi kwimimandla esezilalini. Ukubakho kwamanzi lilungelo loMntu, elikhuselweyo nguMgaqo-siseko weli lizwe. Amanzi ngawo anendima ebalulekileyo ekuphileni koMntu kwaye esenza indima ebalulekileyo ekuphumezeni amanye amalungelo afana nokukhathalelwa kwezempilo, amalungelo abaNtwana nelemfunda. Nto-leyo ethi ukungabikho kwa manzi okanye ukunqongophala kwawo kukunyashwa kwamalungelo oluNtu. Sihleli nesithethi sekomishoni yamalungelo oluntu, uZama Mbeki...