Kwiveki ephelileyo sibone okokuqala emva kokusungulwa kombutho i-EFF ubamba indibano yokubonisa iinjongo zentsebenziswano nehlakani likanxathathu okhokelwa yiANC, elingumbutho wamaKomanisi oMzantsi Afrika i-SACP. Sakukhumbula ukuba umbutho we-SACP kwiNkomfa edlulileyo, ubhengezile ukuba uzakuzigqatsela unyulo looRhumente basemakhaya uzimele okokuqala, ngaphandle kweANC. Sekulithuba i-SACP inesimbonono sokukhalazela indlela i-ANC esebenza ngayo ngaphakathi kunxantathu kunye nemigaqo-nkqubo oyimeleyo, efana naleyo yezoqoqosho, ukuqhwalela kolawulo kunye no rhwaphilizo. Sihleli nesithethi seSACP uMbulelo Mandlana ukusicacisela banzi ngelinyathelo, nomhlalutyi wezoPolitiko uHlumelo Xaba ozakusinika intsingiselo yoluqhogwano phakathi kwale mibutho.