Ingaba ubungqina buka Nhlanhla Mkhwanazi phambi kwekomishoni ka Madlanga bubengqindilili kangakani? Ubungqina bakhe buyasixelela ncakasana ukuba ngubani okanye ngoobani abalawula ukhuseleko lwelizwe nabemi balo? Lekomishoni ingaba iyakuthwalisa abantu uxanduva okanye iyakuba yenye ezakuba neziphakamiso ezingazukumiliselwa njengezinye? Uluntu loMzantsi Afrika, ingaba kumele bakuthembe okuthethwe nguMkhwanazi, okanye mababenemibuzo malunga nakuphakamisayo nezizathu zoko?