Umkomishinala wamapolisa omtsha eMpuma Koloni uVuyisile Ncatha, uthi akalali buhlayo ngenxa yeziganeko zokubulawa kwabantu kweliphondo. Uthi yimimandla emithathu ekuqatsele kuyo iziganeko zokubulawa kwabantu ebalula ingingqi iNelson Mandela Bay, iBuffalo City ne OR Tambo. Lo kaNcatha ufunge ngelithi bazakwenza konke abanako bengamapolisa ukulwa ulwaphulomthetho namaqela oonqevu kweli phondo. UNcatha uchongwe njengomkomishinala wamapolisa ekuqaleni kwale nyanga, engena ezihlangwini zika General Nomthetheleli Mene nothathe umhlalaphantsi kunyaka ophelileyo. Sihleli nomkomishilana wamapolisa omtsha eMpuma Koloni, uVuyisile Ncatha.