Umhlobo Wenene FM Current AffairsUmhlobo Wenene FM Current Affairs

APHA - WORLD BANK BEE

View descriptionShare

Ibhanka yehlabathi i-World Bank, imemelele kuMzantsi Afrika ukuba uqwalasele ukunyenyisa imigaqonkqubo yawo ephathelene nenkqubo ye-BEE, ejoliswe ekuxhamliseni abo babefudula bebekelwe bucala kuqoqosho, kuquka nemithetho yezengqesho yeli. Oku kudizwe kwingxelo ekhutshwe leliziko, esihloko sithi "Driving Inclusive Growth in South Africa," nephakamisa iindlela zokukhulisa uqoqosho lweli lizwe, ukudala amathuba engqesho, ukurhwebesha abatyali zimali, nokuqinisa isakhono samaziko kaRhulumente, phakathi kwezinye izinto. Nangona eziziphakamiso zamkelwe ngamaziko afana ne-Institute for Race Relations ne-Free Market Foundation, kodwa abanye abathathi nxaxheba abaquka abezoshishino bayazikhaba ngelithi zithibaza iinzame zokwenziwa kweenguqu ezijolise ekulungiseni iimpazamo zenkqubo yangaphambili (anti-transformation), kwaye azisosisombululo ukulwa nengxaki yokungalingani kwelilizwe. Oku kuza nanjengoko iingxelo ezahlukileyo zidiza ukuba ubutyebi belizwe loMzantsi Afrika, busaleli ubukhulu becala ezandleni zegcuntswana labamhlophe.

  • Facebook
  • X (Twitter)
  • WhatsApp
  • Email
  • Download

In 2 playlist(s)

Umhlobo Wenene FM Current Affairs

Umhlobo Wenene FM News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.
Social links
Recent clips
Browse 2,104 clip(s)