Umhlobo Wenene FM Current AffairsUmhlobo Wenene FM Current Affairs

APHA - SANDF-IRAN ANALYSIS

View descriptionShare

Umphathiswa wesebe lomkhosi wokhuselo uAngie Motshekga, uyalele inkqubo yophando esungulweyo ukuba ikhangele kungani ingakhange ithotyelwe imiyalelo kamongameli uCyril Ramaphosa kwelisebe, yokuba lirhoxe ilizwe i-Iran kwiinkqubo zokuzilolonga eFalse Bay. UMotshekga uthi imiyalelo kamongameli igqithiswe ngokucacileyo kwaye lenkqubo yophando kumele ikhangele ukuba ingaba umyalelo kamongameli awukhange uvakale ngokucacileyo okanye awukhange uhoywe kusini na. Ngokokutsho kwabanye abantu abakurhulumente, uRamaphosa uyalele ukurhoxiswa kwe-Iran kwiinkqubo zokuzilolonga ngenxa yenkxalabo yokuba ukubandakanya elalizwe kunganefuthe elibi kakhulu kubudlelane nelizwe iMelika ngexesha kanye elinobuzaza ekuxoxwa ngokuvuselelwa kwesivumelwano se-Agoa, nangethuba iTehran izama ukubuyisela uzinzo. Ngenxa yobuzaza bezityholo ezenziwe kwiingxelo zamajelo eendaba, umphathiswa uMotshekga umilisele oluphando ukuqwalasela ezizityholo. 

  • Facebook
  • X (Twitter)
  • WhatsApp
  • Email
  • Download

In 2 playlist(s)

Umhlobo Wenene FM Current Affairs

Umhlobo Wenene FM News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.
Social links
Recent clips
Browse 1,801 clip(s)