Nanjengoko icandelo leendaba zeSABC, libhiyozela iminyaka engamashumi asixhenxe anesihlanu, yeendaba zokuqala eziqulunqwe aph'ekhaya, kungasetyenziswa mithombo yangaphandle, sileli jelo, sikrwece abo babenegalelo elimmandla, ekuphuhlisweni kweendaba kweli lizwe.