Kufunyenwe imizimba emihlanu kumlambo iHennops eCenturion kwiphondo laseGauteng. Inkqubo yokufanisa ukuba ingaba lemizimba yeyamapolisa amathathu athe aduka, iyaqhuba. Lamapolisa mathathu alahleke kwiveki ephelileyo ngethuba ebesuka eBloemfontein esingise eLimpopo.