Igunya bantu lezotshutshiso kwiphondo iMpuma Koloni, lithi umfundisi u Timothy Omotoso uzakubuyiselwa kwilizwe lakhe eNigeria, emva kokuba osulwe onke amatyala ebejongene nawo, nebequka ukudlwengula nokuthubelezisa abantu. Nangona kunjalo, akukacaci ukuba sele edidinjiwe lisebe lemicimbi yezekhaya. U Omotoso uphume etshaya kwinkundla ephakamileyo yaseGqeberha, emva kokuchitha iminyaka esibhozo eluvalelweni sukela ukubanjwa kwakhe kwinyanga kaTshazimpuzi ngonyaka u2017. Bekutyholwa ukuba u Omotoso eberhwebesha abantu basetyhini kumasebe awohlukileyo ebandla lakhe, ze awase kwindlu ethile kwiphondo laKwaZulu Natal apho ebewadlwengulela khona. Bebejongene namatyala angaphezulu kwamashumi amathathu, naquka ukudlwengula, ukuthubelezisa abantu ngenjongo zokushishina ngabo ngondlela mnyama.