Umhlobo Wenene FM Current AffairsUmhlobo Wenene FM Current Affairs

APHA - NDPP APPOINTMENT

View descriptionShare

 Uchongwe njengentloko yegunyabantu lezotshutshiso elandelayo uAdvocate Andy Mothibi, kulandela inyathelo likaMongameli Cyril Ramaphosa lokusebenzisa amagunya akhe ngokoMgaqo Siseko, naqulathwe kwisolotya uSection 10 lomthetho ojongene negunyabantu lezotshutshiso, iNPA Act 32 of 1998 ngolwasemzini. Oku kuza emva kokuba igqiza ebelithwaliswe uxanduva lokuhlola abagqatswa abathandathu ebebegxeleshe esisikhundla, ze linike iingcebiso kuMongameli, likhuphe ingxelo endulula ngelokuba akukho namnye kubo ofanele ukungena kwesisikhundla. UAdvocate Andy Mothibi, okhokela icandelo lophando elikhethekileyo i-SIU ngalomzuzu, kulindeleke ukuba angene kwesisikhundla ngomhla wokuqala kwinyanga ezayo, nanjengoko lifikelela esiphelweni ixesha lentloko yeNPA, uShamila Batohi. 

  • Facebook
  • X (Twitter)
  • WhatsApp
  • Email
  • Download

In 2 playlist(s)

  1. Umhlobo Wenene Current Affairs

    1,367 clip(s)

  2. SABC News Podcasts

    21,400 clip(s)

Umhlobo Wenene FM Current Affairs

Umhlobo Wenene FM News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.
Social links
Recent clips
Browse 1,756 clip(s)