Isebe lobugcisa nenkcubeko libambisene nebhodi elawula ukusetyenziswa kweelwimi, iPan South African Language Board (PANSALB ngamafuphi), kwakunye neziko iSouth African Centre for Digital Language Resources, babambe ingqungquthela entsuku-mbini engeelwimi, iNational Language Summit. Lendibano idibanise ndawonye uRhulumente, iingcali zeelwimi, izifundiswa, imibutho yoluntu, nabanye abathathi nxaxheba, ukuze kuqutyiswane nemiba esengumqobo ekusetyenzisweni kweelwimi ukuquka wonk'ubani kwimiba echaphazela abemi belilizwe, kuphuhliso, nasekusetyenzisweni ngokulinganayo kwazo zonke iilwimi zeli, phakathi kwezinye izinto. Eyona miba ebekugxilwe kuyo kule nkomfa, yindlela ezisetyenziswa ngayo iilwimi kwezemfundo, kwinkqubo yezobulungisa, kwiinkqubo sokusiwa kweenkonzo eluntwini, kwezoshishino nakumaphulo okufundisa esebe lezempilo.