UMkomishinala wamaPolisa wephondo iKwaZulu Natal u-LT General Nhlanhla Mkhwanazi uthi usamile kwinto yokuba kukho ungenenelelo lwezopolitiko kwinkqubo yezobulungisa, nakwisityholo sokubakho kobudlelwane borhwaphilizo phakathi koMphathiswa wamapolisa okwikhefu elilodwa uSenzo Mchunu kunye noSomashishini uBrown Mogotsi nalowo utyholwa ngokuba ngungqondo-ngqondo kulwaphulo-mthetho uVusumzi Cat Matlala. Ukanti Umkhwanazi uqoshelise ubungqina bakhe, njengengqina lokugqibela phambi kwe-komiti yethutyana yePalamente neqwalasela iinkxalabo ngokhuseleko lwesizwe. Le komiti, isungulwe emva kwezityholo ezothusayo ezenziwa nguMkhwanazi ngethuba lendibano nabeendaba kweyeKhala ngoNyaka ophelileyo. UMkhwanazi lingqina lokugqibela kule komiti ngaphambi kokuqulunqa ingxelo yayo ekuzeni kuphela kwale nyanga.