Abahlali baseMayden Farm eMthatha kwiphondo iMpuma Koloni, batyhola umasipala iKing Sabatha Dalindyebo ngokubacimela umbane ngaphandle kokunxibelelana nabo. Abahlali abachaphazelekileyo batyhola ngelithi banikwe iindleko zamatyala abo zikamasipala, yaye amanye awo aqabela ngaphaya kwamashumi amathandathu amawaka eerandi. Bakwakhalaza ngokunganikwa ncedo xa bebika ezinto ezifana nokuvuza kwamanzi, iindlela ezimbi nokungasebenzi kwenkqubo yogutyulo ekhokhelela ekukhukhulisekeni komhlaba ngethuba kusina imvula.