Iinzame zokulwa urhwaphilizo kweli lizwe azikafikeleli kumgangatho wehlabathi ngokwaneleyo, nangona lehlile izinga lorhwaphilizo kwihlabathi ngokubanzi. Oku kuvele kwingxelo yonyaka ejongene norhwaphilizo kumazwe ngamazwe ekhutshwe ngumbutho iTransparency International, ngexesha ukhupha iinkcukacha zorhwaphilizo zakutshanje, iCorruption Perspective Index ukutsho. Ezi nkcukacha ze CPI zibonisa ukuba amanqaku oMzantsi Afrika kwiinzame zokulwa urhwaphilizo, awakhange atshintshe kwaye asahleli kumashumi amane anesithathu kule minyaka mithathu igqithileyo. Abakhi mkhanyi kurhwaphilizo bathi oku kubonakalisa inkxalabo nokunga thathelwa ingqalelo ziinkokheli. Iinkcukacha ze CPI zikwabonisa ukuba urhwaphilizo lusagquba kakhulu kwingingqi ye Sub-Saharan Africa, neyingingqi eqhuba kakubi kakhulu kwihlabathi. Nangona kunjalo, abakhi mkhanyi kurhwaphilizo bathi amanye amazwe abonakala eqhuba kakuhle, ngamanye amaxesha avumela ukuba kwenzeke urhwaphilizo kwimida nto leyo ekhokelela ekubeni kugudiswe imali ngondlela mnyama. Ngaxeshanye, uMzantsi Afrika uphulukana nemali eninzi ephuma kweli isiya kwamanye amazwe ngendlela engabhaliswanga emthethweni, ngenxa yeqondo eliphezulu labemi bamanye amazwe abakweli ngokungekho mthethweni, kwaye benamashishini. Le ngxelo ikwathi xa abasemagunyeni noosopolitiki beqhubeka nokusebenzisa gwenxa amagunya abo nemali karhulumente, oku kukhokelela ekudodobaleni kokuhanjiswa kweenkonzo zoluntu, kwaye kudala indlala nokungalingani eluntwini.