Ikomiti ejongene nezempilo ePalamente ivakalise ukothuka okukhulu, intlungu nenkxalabo emva kwengxelo eyifumene kumbutho iHer Rights Initiative, emayelana nengxaki yokunyanzelwa kwamanina aNtsundu ahluphekileyo aphila nentsholongwane kagawulayo avale inzala eMzantsi Afrika. Usihlalo wale komiti uFaith Muthambi, uthe le ngxelo ifike kwikomiti yePalamante ngexesha kanye ilizwe liphawula iintsuku ezilishumi elinesithandathu ezichasene nempathombi ngakumanina nabantwana, nangexesha ilizwe liqwalasela ukucinezelwa kwamanina kwaye lizibophelele ekuthatheni amanyathelo okuphelisa lengxaki. UMuthambi ukwathe ukunyanzeliswa kokuvalwa kwenzala akunyhashwa ilungelo lenzala kuphela, kodwa kunokuthathwa njenge mpathombi ngokwesini, ukucalulwa nokungcungcuthekiswa kwamanina. Le komiti ifumene le ngxelo njenge sikhalo sokucela uncedo kwamaxhoba athe amalungelo awo anyhashwa.