INTRO: Ngelixa apho lonyaka ka 2025, uphawula iminyaka engamashumi amathathu ananye, susela ukwamkelwa komthetho ojongene nembuyekezo yamalungelo omhlaba, iRestitution of Land Rights Act, iintsapho ezingaphaya kwamakhulu amahlanu, ezintsundu nezebala ezakhutshwa ngenkani kumhlaba wase Orania, nowawusaziwa njenge-Groot-ge-waagd ngurhulumente wengcinezelo, zifuna ukubuyela kumhlaba wazo.