Umkhosi wokhuselo weli, iSouth African National Defence Force, ungqinile ukuba ngamajoni alishumi elinesithathu, aswelekele kwiMpuma ye-DRC. Lo mkhosi uthi oku, kusemva kohlaselo, apho bekusetyenziswa isiqhushumbisi sohlobo lwe mortar bomb ngolwasemzini, phakathi komkhosi waseKhongo, neqela labavukeli i M23, kufutshane nesikhululo seenqwelo moya, iGoma. Le, yindawo apho utyalwe khona umkhosi weli, kwaye ngamajoni e-SANDF athe asweleka, ze elinye lasweleka emva komonzakalo, ebeluwufumene ngethuba lohlaselo lwangeMpelaveki, nalapho kubhubhe amajoni eli alithoba, ngethuba ethathana neqela labavukeli i-M23.