Inkqubo yophando, ngamatyala ekomishoni yenyaniso noxolelwaniso, iTRC, kumele iqwalasele owayesakuba yintloko yegunyabantu lezotshutshiso, iNPA, uShamila Batohi, ngokusilela ukuthatha uxanduva, lokutshutshisa kumatyala amayela nale komishoni. Oku, kuvakaliswe ngowayesakuba ngumkomishinala walekomishoni, uYasmin Sooka, kubungqina bakhe, kwinkqubo yophando eqwalasela iinzame zokulibazisa uphando, nokutshutshisa abo babandakanyekayo, neqhubayo eNewtown, eRhawutini. Kusuku lwesihlanu lokuphulaphulwa kwezimvo zoluntu, uSooka, ubenemibuzo ngendima yabo babesakuba ngooMongameli, uThabo Mbeki noJacob Zuma, ngokuphathelene nokuqubisana nalamatyala, wagxeka nokuba kungathathwanga manyathelo, ngakwabo bebemele ukujongana notshutshiso.