Yiminyaka engamashumi amathathu ananye ilizwe loMzantsi Afrika liphantsi kwenkqubo yentando yesininzi, kwaye baninzi abathathi nxaxheba abathe banegalelo elincokomekayo ukuze elilizwe lifikelele kwindawo elikuyo namhlanje. Ababathathi nxaxheba baquka imibutho yezopolitiko, iinkosi zemveli nezenkolo, iikomishoni ezifana nezamalungelo oluntu kuquka nemibutho yoluntu, ukukhankanya nje abambalwa. Ngoko mgaqosiseko weli, urhulumente ufanele ukuthwaliswa uxanduva luluntu kuquka nemibutho yoluntu kwizinto ekukholeleka ukuba uyafeda kuzo, ingakumbi kwezo zibandakanya utshintsho olujolise ekuphuhliseni uluntu, kuquka nokuphuculwa kokuhanjiswa kweenkonzo eluntwini. Kwiminyaka egqithileyo oku kudale ukuba imibutho yoluntu ingene kwizitalato iqhankqalazela izinto engonelisekiyo zizo, eziquka ukusilela kokuhanjiswa kweenkonzo, ukuhlonyelwa kwemithetho kwakunye nokuqukwa kwelizwi loluntu xakuqulunkqwa imithetho nemigaqonkqubo yeli. Nangona izingqi zemibutho yoluntu ziye zavakala kweminye imiba echaphazela uluntu, kusekhona imingeni equka ukungaxhaswa kwalemibutho ngokwezimali, ukunqongophala kwezixhobo kuquka noku ngcungcuthekiswa kweenkokheli eziphambili kulemibutho ezilwela imfuno zoluntu. Ngaxeshanye, kumaxesha amaninzi qho kubanjwe iingqungquthela ngurhulumente necandelo labucala, imibutho yoluntu iyamenywa ukuza kuvakalisa ilizwi layo kwezindibano ezifana nendibano yeG20, ebisandula ukubanjwa kwiphondo laseGauteng. Kodwa ke umbuzo ngowokuba, ingaba iyabonakala indima eyenziwe yilemibutho ukuzisa utshintsho eluntwini nakulawulo lukarhulumente ngokubanzi, kwaye ingaba liyevakala kusini ifuthe lalemibutho okanye kusekuninzi ekufuneka kwenziwe?