Umphathiswa wesebe lezobulungisa neenkonzo zoluleko uRonald Lamola uthi imithetho yeli idinga ukuhlonyelwa ukuvumela iinkundla zikwazi ukusebenza ngobuxhakaxhaka bale mihla. Oku kuza nanjengoko iinkundla zeli zinamatyala amaninzi angekaqukunjelwa, ntoleyo eyenziwe mbi ngakumbi ngubhubhane iCovid-19. Umphathiswa uLamola uthe isibhengezo sakutsha nje sokwenza ezinye iinkqubo zomthetho ziqhutywe kusetyenziswa ubuxhakaxhaka, zinzame zokukhawulelana nomsebenzi iinkundla zeli ezijamelene nawo. Kunyaka ophelileyo ijaji eyintloko uMogoeng Mogoeng yazigxeka iinkundla zeli ezisebenza ngendlela endala, imemelela ukuba kukhutshwe inkxaso mali ezakusetyenziselwa ukuba iinkqubo zomthetho ziqhutywe kusetyenziswa ubuxhakaxhaka bale mihla.