Kukho inkxalabo nanjengoko kukho iingxelo ezithi ayonyuka amanani abantwana abazalwa sele bosulelwe yintsholongwane kaGawulayo. Ngokwengxelo, ngabantwana abasandula kuzalwa abangamakhulu amabini anamashumi amathathu kwiphondo lase Gauteng, abazelwe benentsholongwane kaGawulayo kwisiqingatha salonyaka, nangona sele kuyiminyaka engamashumi amabini anesihlanu susela oko kwaphunyezwa amachiza okuthintela ukosuleleka komntwana ongekazalwa ngumama wakhe. Kwababantwana abagqiba ukuzalwa, abosulelekileyo yilentsholongwane abangamashumi amane baphuma kwisithili saseTshwane.