Kule veki ikomiti ejongene nemisebenzi yoluntu kunye neziseko epalamente, ifumene ingxelo kwilungu lepalamente uShaun August kunye nesebe lemisebenzi yoluntu kunye neziseko, ngomsebenzi osele wenziwe ngokuphathelene noxwebhu lwezikhalazo olwalutyikitywe ngabo bane nkxalabo ngokuphathelene nenkqubo iExpanded Public Works Programme iEPWP ngamafuphi. Oluxwebhu olafakwa kusomlomo wendlu yowiso mthetho ngoNovember wonyaka ophelileyo, liphakamisa ukuba kuphandwe ukuphononongwa komgaqo nkqubo ozakujongana nokuphuhliswa kwenkqubo ezinzileyo enokusetyenziswa ngomaspala, orhulumente bamaphondo kunye nokazwelonke ukuqwalasela ukuba inkqubo ye-EPWP ngamafuphi ibaqesha njani abantu. Ukungacaci kwenkqubo yokuba abantu abangena kwinkqubo yeEPWP baqeshwa njani, ibiyeyona nkxalabo ephambili kuxwebhu olwanikezelwa lilungu lepalamente u-August. Ikomiti yaxelelwa nguAugust ukuba inkqubo ye-EPWP ixhamlisa abantu abathembeke koceba, kwaye le komiti ikwave ukuba oceba bagrogrisa abantu ukuba babavotele okanye abazokuxhamla kule nkqubo.