Ube ngundaba mlonyeni umba woomasipala abanetyala lika-Eskom. Oku, kusemva kokuba umphathiswa wezamandla nombane uKgosientsho Ramokgopa, evumile ukuba u-Eskom, hleze angakwazi ukuyifumana yonke imali ayityalwa ngoomasipala. Ukuzakuthi ga ngoku, oomasipala batyala u-Eskom, imali ebalelwa kumashumi asixhenxe anesibhozo eebhiliyoni zerandi (78 billion rands). Ngokukamphathiswa, udinga ingqwalasela ekhawulezileyo umba wemali etyalwa u-Eskom, ukuze eliqumrhu libenako ukwenza umsebenzi walo.