Ukucopha kwakho kophando lokubulawa kwe-Cradock Four kumiselwe umhla wamashumi amabini anesithathu kweyoKwindla ka 2026. Oku kulandela ukuchopha koluphando iiveki ezimbini kwinkundla ephakamileyo eGqeberha. ULwesihlanu ibilusuku lokugqibela lwezinkqubo, nalapho uJoffel Van der Westhuizen, owayeyinkumandla yomkhosi, ebephendula imibuzo emayela nobungqina bakhe awabunikezela kwinkqubo yophando ka Zietsman yangonyaka ka 1993. UVan der Westhuizen utyholwa ngokukhupha umyalelo wokucinywa ngokupheleleyo kuka Matthew Goniwe. Eziveki zimbini zokuchopha kwale nkqubo zibone abanye abantu abasemdleni boluphando abafana noCraig Williamson, uKrappies Engelbrecht, kunye noGerrit Erasmus, bonke bekhwel'emkhumbini benikezela ngecala labo malunga nokusweleka kwe-Cradock Four.