Ivele kwinkundla kamantyi yaseMnyameni eMpuma Koloni indoda eneminyaka engamashumi asixhenxe anesibhozo ubudala, netyholwa ngokudlwengula umntwana wayo oneminyaka esibhozo ubudala. Esi siganeko sibangele isankxwe kubahlali, bememelela ubulungisa bekwatyhola ngelithi le ndoda seyisuka nokudlwengula abanye abantwana bayo ababini abadala kwanenkosikazi yayo engakwazi kuzenzela nto.