Isixeko saseKapa sithi sizakucela umphathiswa wezamapolisa kuzwelonke, uSenzo Mchunu, ukuba bongezelelwe nangakumbi amagunya kunyanzeliso lomthetho kamasipala. USodolophu waseKapa uGeordin Hill-Lewis, uthi amagosa afuna ngaphezulu kwamagunya akhoyo okukhangela nokubamba izaphuli-mthetho.