Umhlobo Wenene FM Current AffairsUmhlobo Wenene FM Current Affairs

ZIBUZWAKUTHI - NIGERIAN KINGS

View descriptionShare

SABC News Podcasts

SABC News and Current Affairs Podcasts.
24,427 clip(s)
Loading playlist

Indlu yeenkosi zemveli kwiphondo iMpuma Koloni iligxekile inyathelo lento ekuthiwa kukubekwa kowaziwa njengekumkani yabemi baseNigeria abakwidolophu ka KuGompo, nanjengoko ngokomthetho nesintu lo mmandla uphantsi kwekomkhulu lamaRharhabe elikhokelwa yikumkani uSandile. Le ndlu yeenkosi zemveli ithi eli nyathelo lijongela phantsi imithetho yeli lizwe nanjengoko ukubekwa ngokungekho mthethweni komntu ozenza ikumkani ngaphakathi kulawulo lommandla wobukumkani obamkelweyo, kubonakalisa ukudelela kakhulu ilifa lemveli, izithethe, igunya lobukumkani bamaRharhabe kunye nobunkokheli bemveli kwilizwe nje liphela. Yaleke ngelithi ezo zenzo zijongela phantsi ulawulo lomthetho, zithoba kwaye zinyevulela isidima seenkokheli zemveli, kwakunye neyantlukwano eyingozi phakathi koluntu.

  • Facebook
  • X (Twitter)
  • WhatsApp
  • Email
  • Download

In 2 playlist(s)

Umhlobo Wenene FM Current Affairs

Umhlobo Wenene FM News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.
Social links
Recent clips
Browse 2,048 clip(s)