Izolo uMasipala waseMakhanda eMpuma Koloni ebebambe indibano kunye nabahlali kwiholo i-Indoor Sports Center eJoza, emva kongquzulwano phakathi kwabahlali nabakwantsasana ngokuphathelele nokuhlala kumhlaba ongasetyenziswayo. Abahlali bamile kwelokuba bazakubuyela kulamhlaba, besithi baneminyaka behlawulela iindawo zokuhlala nanjengoko kungekho mhlaba ukhoyo abanokuhlala kuwo ngokusemthethweni.