Uyaqhuba nokunika ubungqina uSergeant Fannie Nkosi nobesaziwa njengo Witness F, kwikomishoni kaMadlanga. U-Nkosi akazange akwazi ukugqibezela ubungqina bakhe kwinyanga ephelileyo emva kokuba wangeniswa esibhedlele. Ngaphambili, uNkosi ebenike ubungqina bucala waze wayokufaka isicelo kwinkundla ephakamileyo sokuthintela lekomishoni ukuba ingafundi imiyalezo kaWhatsaap efunyenwe kumnxeba wakhe.