Umhlobo Wenene FM Current AffairsUmhlobo Wenene FM Current Affairs

APHA - RAMAPHOSA TRANSPORT

View descriptionShare

UMongameli uCyril Ramaphosa, uzibophelele ngelithi ulawulo lwakhe, luza kulinciphisa kakhulu iqondo leengozi zendlela, ezishiya kubhubhe abantu. Ebethetha kwinkomfa yokuqala kazwelonke yezothutho, i-Inaugural National Transport Conference, ebanjelwe eMidrand, kumantla eRhawuti. Le ndibano yeentsuku ezintathu, izinyaswe nguMphathiswa wezothutho, uBarbara Creecy, isekela lakhe uMkhuleko Hlengwa, kwaye idibanise ndawonye abaqulunkqi bomgaqo-nkqubo, abatyali mali, kwakunye nabantu abeza namacebo amatsha okwenziwa kwezinto, ukuze kuxoxwe ngendlela yokwakhiwa kwenkqubo yezothutho ezakuncedisana noqoqosho, kwaye idale amathuba engqesho. Abanye abazimase lenkomfa, baphuma kwingingqi ye SADC, kuquka abaphuma eMozambique kwakunye nase Tanzania

  • Facebook
  • X (Twitter)
  • WhatsApp
  • Email
  • Download

In 2 playlist(s)

Umhlobo Wenene FM Current Affairs

Umhlobo Wenene FM News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.
Social links
Recent clips
Browse 2,022 clip(s)