Uyaqhuba kwakho nokunikezela ngobungqina usomashishini wase Mntla Ntshona uSuliman Carrim, kwikomishoni ka-Madlanga nechophe ePitoli. Ngalentsasa amagqwetha akhe ebefake esinye isicelo sokuhlehliswa kweziinkqubo, sicelo eso esiye sakhatywa yile komoishoni. U-Carrim uqale ukunika ngobungqina bakhe izolo, kwaye namhlanje bekumele ukuba uxhentsiswa ngemibuzo ngezityholo zobudlelane bakhe notyholwa ngokuba ngungqondo-ngqondo wolwaphulo mthetho uVusimuzi "Cat" Matlala, kwakunye nosomashishini uMorgan Maumela.