Ikomishoni kaMadlanga iphulaphule ubungqina belinye igosa lecandelo lamapolisa kumasipala wase Ekurhuleni, uLt Colonel Kelebogile Thipa. Ubungqina bakhe bugxile ngamandla kwizenzo ezigwenxa ezenzeka kweli candelo lamapolisa akwamasipala Ekurhuleni, eziquka ukufakelwa kwezibane ezivumeleke kwizithuthi zamagosa ezomthetho kuphela, iblue lights zamapolisa kwizithuthi zika Vusimuzi "Cat" Matlala, otyholwa ngokuzama ukubulala.