Umhlobo Wenene FM Current AffairsUmhlobo Wenene FM Current Affairs

ZIBUZWAKUTHI - MADLANGA DAY 120

View descriptionShare
 

Oyintloko yamagosa owiso-mthetho eGauteng uSamuel Mashaba, uvumile phambi kwekomishoni kaMadlanga ukuba wayethetha ngobesakuba ngusekela mongameli weli uDavid "DD" Mabuza, kwincoko yakhe notyholwa ngokuba nguntamnani, uTumelo Nku. Umyalezo womnxeba owathunyelwa ngu Mashaba ku Nku ngosuku lokuchongwa kwakho kuka Mabuza njengosekela mongameli weli, kwinyanga kaCanzibe ngo2019, ufundeka ngoluhlobo ""I see DD is back, let's move on our issues." Ngaphambili, uMashaba unike ubungqina bokuba  u"DD" awayethetha ngaye kulomyalezo, ngobesakuba lilungu lendlu yowiso mthetho uKebby Maphatsoe, nekungokunje walandulelayo eli. Nangona kunjalo, emva kokuphekwa esophulwa ngemibuzo ngusihlalo wale komishoni uJustice Mbuyiseli Madlanga, uMashaba uye wavuma ukuba lomyalezo ubuthetha ngosekela mongameli, nobhubhe kunyaka ophelileyo. 

  • Facebook
  • X (Twitter)
  • WhatsApp
  • Email
  • Download

In 2 playlist(s)

Umhlobo Wenene FM Current Affairs

Umhlobo Wenene FM News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.
Social links
Recent clips
Browse 2,377 clip(s)