Kufikelelwe kwisivumelwano phakathi kwabo bakhokele ubungqina kwikomishoni kaMadlanga, kwakunye namajelo eendaba iDaily Maverick kwakunye ne Media 24, kumba wokuqhutywa kweenkqubo zalekomishoni ekhusini. Namhlanje kuvele ingqina lokuqala elibizwa ngokuba ngu Mr X, phambi kwale komishoni.