Inkundla ephakamileyo eMthatha kwiphondo iMpuma Koloni, iyaqhuba nokuphulaphula ityala lamadoda amathandathu atyholwa ngokubulala abantu abalishumi elinesibhozo kwilali iNgobozana eLusikisiki. UMawande Nokhwali oligqwetha lomnye wabarhabelwa, uAphiwe Ndende, lizakupheka lisophula ingqina, uLwando Abi. Oku kuza emva kokuba uNokhwali ethandabuze ubungqina buka-Abi, egxile kakhulu kwiingxelo ezifungelweyo ezimbini awathi wazenza emapoliseni malunga nokubulawa kwaba bantu.

ZIBUZWAKUTHI - LEKOTA
07:27

ZIBUZWAKUTHI - MADLANGA DAY 71
06:20

ZIBUZWAKUTHI - COLLAPSE PUBLIC WORKS
10:15