Umhlobo Wenene FM Current AffairsUmhlobo Wenene FM Current Affairs

ZIBUZWAKUTHI - IVF CLINIC

View descriptionShare

Umhlobo Wenene Current Affairs

Umhlobo Wenene Current Affairs
1,466 clip(s)
Loading playlist

Umphathiswa wesebe lempilo eMpuma Koloni uNtandokazi Capa, usungula ngokusesikweni iziko elizakuncedisa abo basokolayo ukufumana abantwana ngendlela eqhelekileyo, i-In Vitro Fertilisation Clinic ngolwasemzini, kwisibhedlele iNelson Mandela Academic eMthatha. Eliziko lizakuncedisa abantu ebebekade bengakwazi ukufikeleleka koluncedo lukhethekileyo khon'ukuze bafumane abantwana. Isibhedlele i-Nelson Mandela Academic sisibhedlele sesine kwizibhedlele zika wonke-wonke ezinikeza ngeenkonzo ze-IVF kweli loMzantsi Afrika. Esisibhedlele sinikeza ngeenkonzo zempilo ikakhulu kuluntu olukwimimandla yasezilalini kweliphondo, ukusukela ngo 2004 ukusungulwa kwaso.

  • Facebook
  • X (Twitter)
  • WhatsApp
  • Email
  • Download

In 2 playlist(s)

Umhlobo Wenene FM Current Affairs

Umhlobo Wenene FM News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.
Social links
Recent clips
Browse 1,856 clip(s)