Bekulindeleke ukuba umphathiswa kwisebe lezemihlaba nophuhliso lwamaphandle uMzwanele Nyhontso, abambe indibano neKumkani yabaThembu uBuyelekaya Dalindyebo. Kule ndibano, kulindeleke ukuba baxoxe ngomba orhangqe ukufuduswa kweentsapho ezingamaxhoba ezikhukhula ezintlithe ummandla wase Mthatha, eMpuma Koloni.