Siyaqhuba kwakhona isicelo sebheyile sika Tiffany Meek, umama wenkwenkwana eneminyaka elishumi elinanye ubudala, uJayden-Lee Meek, kwinkundla kamantyi iRoodepoort eRhawutini. Ngolwesithathu igqwetha likaMeek lihlohle imibuzo igosa eliphandayo kweli tyala, elingenakubizwa ngegama ngokomyalelo wenkundla, malunga nokukhabana kobungqina obunikezwe ngamangqina ngokuphathelele neempahla ezazinxitywe nguJayden mhla enyamalala.