Kudutyulwe abantu ababini babhubha ze konzakala abathathu kwisiganeko sokudutyulwa kwabantu ngobuninzi kwindawo yamatyotyombe iEurope eGugulethu kwiCape Flats eNtshona Koloni ngobusuku bayizolo. Ukanti kwesinye isiganeko, amapolisa aphanda abantu ababini abatyholwa ngokubandakanyeka kwisiganeko esehle eKraaifontein sokudutyulwa kubhubhe abantu abathathu, konzakala wamnye ze kwadlwengulwa nenina. Oku kulibeka kwishumi elinesine inani labantu abathe babulawa kule veki sisuka kuyo.