Umphathiswa wolawulo lwentsebenziswano kurhulumento uVelenkosini Hlabisa, usamkele isibhengezo semo yentlekele kazwelonke emva kwezikhukhula ezintlithe iphondo iLimpopo neMpumalanga. Esisibhengezo senziwe yintloko yeziko lokulawula iintlekele kuzwelonke uGqirha Elias Sithole, emva kokuba kuhlolwe ubuzaza bomonakalo. Lemoyezulu ingentlanga ichaphazele amaphondo i-Limpopo, Mpumalanga, KwaZulu-Natal, Mpuma Koloni kunye Nomntla Ntshona. Kubhubhe abantu abaliqela, konakala iziseko ezingundoqo, kwaphazamiseka nokuvulwa kwezikolo.