Iingcali zomube bengqondo zivakalise inkxalabo ngobume bengqondo yabantwana. Oku kuza emva kwesiganeko sokusweleka kwentombazanana eniminyaka esibhozo ubudala nebekwibanga lesithathu eGxulu eMthatha, eMpuma Koloni ebutsheni baleveki. Kutyholwa ngelithi lentwazana izixhomile nanjengoko umama wakhe emfumene endlini sele eswelekile. Kuvakala ukuba ebegezelwa ngabanye abantwana ngenxa yemeko yentlupheko yekhaya lakhe. Ukanti, kwakule veki kuvele olunye ushicilelo lwe video nalapho utishala ebebonisa abantwana besitya logama omnye ebengenanto kutya. Kutyholwa ngelithi lomntwana akayikhuphanga imali ebifunwa khon' ukuze athengelwe naye. Oku kuvuse umnyele kuninzi noluye lwabamba imingcelele ibisingise kwesasikolo eJoji kumazantsi eNtshona Koloni.