Umhlobo Wenene FM Current AffairsUmhlobo Wenene FM Current Affairs

ZIBUZWAKUTHI - CHAUKE ECON ANA

View descriptionShare
 

Inkqubo yophando ka-Nkabinde imchaze njengokulungeleyo ukubamba isikhundla sakhe umlawuli webhunga lezotshutshiso kweli, onqunyanyisiweyo u-Andrew Chauke. Lenkqubo yophando nebikhokelwa yijaji esele isidla umhlalaphantsi u-Justice Bess Nkabinde, imhlambe kuzo zonke izityholo ebejamelene nazo uChauke, neziphathelene nokulungela kwakhe ukuba kwesisikhundla. U-Chauke wanqunyanyiswa okwethutyana ngumongameli uCyril Ramaphosa kwinyanga ye Khala kunyaka odlulileyo, kulandela isicelo esafakwa yintloko yegunyabantu lezotshutshiso uAdvocate Shamila Batohi, sokuba kuqhutywe uphando ngokulungela kwakhe ukuba kule ofisi. Kwelinye icala, kulindeleke ukuba ikomiti ejongene nemigaqo nkqubo yezemali kwi bhanki enguvimba ibhengeze isigqibo sayo ngokuba lizakonyuswa kusini iqondo lenzala kwimali mboleko, ngalemvakwemi.

  • Facebook
  • X (Twitter)
  • WhatsApp
  • Email
  • Download

In 2 playlist(s)

Umhlobo Wenene FM Current Affairs

Umhlobo Wenene FM News and Current Affairs. Brought to you by SABC News.
Social links
Recent clips
Browse 2,546 clip(s)